TRANSKEI WOMENS LAND RIGHTS GROUP

SUBMISSION ON THE COMMUNAL LAND RIGHTS BILL TO THE

PORTFOLIO COMMITTEE ON AGRICULTURE AND LAND

AFFAIRS

10 NOVEMBER 2003

lTranskei women's land rights movement ngumbutho owaqalwa ngoomama bendawo ezithile e Transkei abacinezelekileyo nabafumene ukuxhatshazwa nokungasiwa so kwimiba enxulumene nemihlaba. Kungoko sibone kufanclekile ukuba sithathe inxaxheba kule ndibano ngoba lo mthetho usichaphazela ngqo. Okokuqala ndifuna ukuveza imiba ethile xa ndimele abamama ndingqale ngqo kwizinto ezisichaphazelayo.

Andazi Mphathiswa nendlu yowiso mthetho nakundilungisa ukuba ndiyaphazama. ;xa kukho umthetho oqulunqwayo kufuneka ukuba saziswe niengabemi beli lomzantsi Afrika ukuze siveze izimvo zethu. Kulo mthetho asazi ukuba wawusiwe kweziphi i-communities.

Niengokuba sisazi oomama abamelwa kwinqila okanye komkhulu, kwaye lo mthetho awenzi nto ukulungisa lo nto, kuba uthi omama mababe 1/3. Sithi elinani ligcuntswana kwaye bangagqunyelelwa lula. Ngoko sithi umthetho ongu Section 22.3 sithi awusikhuseli singomama.

Umthetho awutsho ukuba uza kwenza niani na ukuze uqiniseke ukuba oomama banelungelo kumhlaba njengoko sizazi ukuba oomanma banikwa nje iziza zokufaka intloko hayi umhiaba wokulima.

Lo inthetho uthi uMphathiswa ANGAbona kufanelekile ukuba xa isibini sitshatile ukuba umhlaba ubhaliswe ngendoda nomfazi, kodwa oko AKUTHI UNYANZELEKILE. Awubakhuseli oomama abaphulukana nomhlaba wemizi yabo ngokugxothwa ngabayeni, okanye eve efuna ukuwuthengisa. Ngoko sithi umthetho umthetho ongu Section 18. 4.b Awusiniki ngqiniseko ipheleleyo abantwana bashiyeka bengenamakhaya.

USection 12 akatsho ukuba iza kusonjululwa njani ingxaki ezidibene nemida. Umzeke1o kukho iindawo ezinale ngxaki eMsukweni nase Mbangweni e Tabankulu, apho kukho ukungavani phakathi kwenkosi. Ayiyokuphela kuphela kwazo zikhona nezinye

USection 26.2 d othetha nge Land Right Board unika uMphathiswa amandla angaphaya. Sikholelwa ukuba amagunya mawanikwe abantu bezondawo, Sinengxaki kananjalo ngenani elingu 7 labantu aba 'affected' asazi kwimeko zokuba abantu abachaphazelekayo bengaphezulu kwesi xhenxe.

Lo mthetho unika amagunya kwiinkosi kwaye sithetha ngazwinye ukuba

1.Ulawulo malungabikho kwinkosi kuba zona azimelanga Bantu,sithi ulawulo maluye ebantwini.

2.Zathengisa ngemihlaba ngaphandle kwabantu.Umzekelo eMbolompo, Mzamba nezinye

3. Zinomkhethe kwaye zohlula abantu, kangangokuba thina asiyazi ukuba ezinkosini igama elithi "communities" lithetha ntoni

4.Uninzi lwenkosi zazisetyenziswa nguRhulumente wengcinezelo ukunyasha amalungelo nokucinezela abantu.Ngoko sithi azinako kwaphela ukujongana nomsebenzi wokujongana nolawulo lwemihlaba ngoba nangoku abantu abafaka amabango omhlaba njengentshaba zenkosi.

5. Umhlaba wabantu ziwenza umhlaba wazo kuba zithengisela abantu iziza, kwaye akukho ndlela ifanayo okanye iqingqiweyo ikhutshwayo ukuthenga inxiwa. Phofu asazi nokuba loo mali iyaphi

6. Iinkosi azibathetheleli omama xa bengamaxhoba ezemihlaba koko basuka bazibone izingxaki zekhaya.

7. Kusekho iingxaki malunga nemihlaba njengemihlaba ebizwa ngokuba yi- "Commonage Land" ekungacaci ukuba iphantsi koMasipala na okanye Kwe communities. Uyakufumanisa imfuyo yethu iyabanjwa kuthi ngenxa yokuba singenamali yakuzikhupha ziphelele eskiti. Umzekelo yi Idutywa ne Bizana.

8. Kuthi kukho umhlaba onebango kodwa ufumanise ukuba kuziswa uphuhliso ingekasombululeki ingxaki yebango . Kukho imihlaba e-GAZZETTIWEYO kodwa abantu babona kusenziwa uphuhliso bengakhange baziswe. Umzekelo wezindawo yi Mhlanga nase Greenville eBizana.

Kungoko sisitsho ngazinye ukuba uRhulumente makeze ebantwini sibonisane ngendlela emawulawulwe ngayo umhlaba

PHAMBILI NGE-CONSULTATION PHAMBILI